U-Yizani Sakhe yingqokelela yamabali amafutshane anjongo zawo zikukumemelela uluntu lweAfrika entle, ukuba lusondele, kwakhiwe iindonga zale ndlovukazi, ezithande ukuvela amathanda, zadilika phaya naphaya.
Imiba eshukuxwa apha iquka isifo sokunyoluka norhwaphilizo, ukunanisa nokusetyenziswa kweziyobisi ezinobungozi, impatho-gadalala kwabasetyhini nabantwana, ukubukulana ngokobuzwe, njalo-njalo.
Kusekwakho namanye amabali anemfundiso, ngokwendlela ehlekisayo neyonwabisayo.