Emva kokusithela kukanina kweliphakade, inkwenkwana ephila nokuswel' ibala izibhaqa isonyuka engenambaliso iminqantsa.
Ijongana nemiceli-mngeni yokubukulwa, Izibhaqe sel' Ilixhoba leenkolelo ezigwenxa ngokubhekiselene kwabo baphila nokuswel' ibala.
Ingaba iyakubanako ukoyisa igqobhozele kude kube sesiphelweni? Rhabula kule bhekile ithwel' inkuthazo yokwamkelana