Skip to content
Scan a barcode
Scan
Paperback Ezingaqhelekanga [Xhosa] Book

ISBN: 0620921250

ISBN13: 9780620921251

Ezingaqhelekanga [Xhosa]

Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula." Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi, "Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga." Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba, izilwanyana, ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe, "Bawo sixolele, sasingazi ukuba sityala intshabalalo." Ungathabatheka xa umva esithi, "Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa." Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa, yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo Nzo

Recommended

Format: Paperback

Condition: New

$16.68
Ships within 2-3 days
Save to List

Related Subjects

Poetry

Customer Reviews

0 rating
Copyright © 2026 Thriftbooks.com Terms of Use | Privacy Policy | Do Not Sell/Share My Personal Information | Cookie Policy | Cookie Preferences | Accessibility Statement
ThriftBooks® and the ThriftBooks® logo are registered trademarks of Thrift Books Global, LLC
GoDaddy Verified and Secured